Kwabaseroma 2:1-11 Ibhayibhile (XHO96)

1. Nakuwe ke mntundini ugwebayo, nokuba ungubani, amatyholo aphelile. Ewe, ngokugweba omnye, uzigweba ngokwakho. Kaloku wena ugwebayo, wenza kwaezo zinto ugweba omnye ngazo.

2. Siyazi ke ukuba uThixo ubagweba ngokufanelekileyo abo benza izinto ezingalunganga.

3. Wena kanye, mntundini ubagwebayo abo bazenzayo izinto ezinjalo, wenza kwaezo zinto. Uba ke wena uThixo akayi kukugweba na?

4. Okanye ubudelile ububele bakhe obukhulu, nokunyamezela kwakhe, nokuza kade komsindo wakhe? Akwazi na ukuba bububele bukaThixo obukusa enguqukweni?

5. Ngenxa yokuba unentliziyo elukhuni, ungaguquki, uzibizela ingqumbo ngemini yengqumbo. Ngaloo mini iya kucaca indlela agweba ngayo uThixo.

6. Ngaloo mini uThixo uya kuvuza elowo nalowo ngokwemisebenzi yakhe.

7. UThixo ubavuza ngobomi obungonaphakade abo banomonde ekwenzeni imisebenzi emihle, belangazelela isidima newonga nokungafi.

8. Kanti ke uza ngomsindo nengqumbo kwabo banenkani, bayityeshelayo inyaniso ngokungalungisi.

9. Kuya kubakho imbandezelo nobunzima kubantu bonke abenza okubi, kumJuda kuqala kwanakowolunye uhlanga ngokunjalo.

10. Kuya kubakho isidima newonga noxolo kubantu bonke abenza okulungileyo, kumJuda kuqala kwanakowolunye uhlanga ngokunjalo.

11. Kaloku uThixo akanamkhethe.

Kwabaseroma 2