Kwabaseroma 16:7-12 Ibhayibhile (XHO96)

7. Imibuliso kuAndroniko noJuniya, amawethu awayebanjwe kunye nam. Bona baxatyisiwe kakhulu *ngabathunywa bakaKrestu, kwaye bâkholwa kuKrestu ngaphambi kwam.

8. Ndibuliseleni kuAmpliyato, umhlobo wam othandekayo eNkosini.

9. Imibuliso ku-Urbhano, osebenzela uKrestu kunye nam, nakuStaki, umhlobo wam othandekayo.

10. Ndibuliseleni nakuApele ovavanyiweyo waza wafumaneka ethembekile kuKrestu. Imibuliso kwabakwa-Aristobhulo.

11. Ndibuliseleni kuHerodiyo umwethu. Imibuliso kwabakwaNarkiso abakholwayo eNkosini.

12. Imibuliso kuTrifena noTrifosa abayisebenzele kangaka iNkosi. Ndibuliseleni kuPersi othandekayo, obulaleke gqitha emsebenzini weNkosi.

Kwabaseroma 16