Kwabaseroma 16:5-8 Ibhayibhile (XHO96)

5. Libuliseni kwanebandla elihlanganela endlwini yabo. Ndibuliseleni kuEpeneto, umhlobo wam othandekayo, owaba ngowokuqala ukukholwa kuKrestu eAsiya;

6. nindibulisele nakuMariya owabulaleka kakhulu ngenxa yenu.

7. Imibuliso kuAndroniko noJuniya, amawethu awayebanjwe kunye nam. Bona baxatyisiwe kakhulu *ngabathunywa bakaKrestu, kwaye bâkholwa kuKrestu ngaphambi kwam.

8. Ndibuliseleni kuAmpliyato, umhlobo wam othandekayo eNkosini.

Kwabaseroma 16