18. Abantu abanjalo àbakhonzi yona iNkosi yethu uYesu Krestu. Hayi, basebenzela izisu zabo. Ngamazwi abo amnandi bayakhohlisa, balukuhle iintliziyo zabantu abanyulu.
19. Bonke bavile ngokumlulamela kwenu uKrestu; into ke leyo endivuyisayo ngani. Ndinga ke ningaba zizilumko okunene kokulungileyo; kodwa ningabi zizo kokubi.
20. Ke uThixo, imbangi yoxolo, uya kumnyhasha kamsinya uSathana phantsi kweenyawo zenu.Ubabalo lweNkosi yethu uYesu Krestu malube nani.
21. Uyanibulisa uTimoti osebenza nam, noLukiyo, noJason, noSosipatro, amawethu.
22. Nam Tertiyo osandla siyibhalileyo le ncwadi, ndiyanibulisa ndingoweNkosi nje.
23. Uyanibulisa uGayo endilundwendwe lwakhe, yena lihlanganela endlwini yakhe lonke ibandla. Uyanibulisa uErasto unondyebo wedolophu, noKwarto umwethu.[
24. Ubabalo lweNkosi yethu uYesu Krestu malube nani nonke. *Amen.]
25. Masimdumise uThixo, yena onako ukunizinzisa elukholweni ngokweendaba ezimnandi endizivakalisayo, ndishumayela uYesu Krestu. Ezi ndaba zityhila imfihlakalo eyayikade ifihliwe mandulo.
26. Ngoku ke ibonakalisiwe. Yile mfihlakalo ke yayixelwa zizibhalo *zabashumayeli. Babesenjenjalo ngokuyalelwa nguThixo ohlala ehleli. Lo myalelo uThixo uwenze ukuze kubekho abakholiweyo nabamthobelayo kuzo zonke iintlanga.