11. Ndibuliseleni kuHerodiyo umwethu. Imibuliso kwabakwaNarkiso abakholwayo eNkosini.
12. Imibuliso kuTrifena noTrifosa abayisebenzele kangaka iNkosi. Ndibuliseleni kuPersi othandekayo, obulaleke gqitha emsebenzini weNkosi.
13. Imibuliso kuRufo umnyulwa weNkosi, nakunina, onjengomama kum.
14. Imibuliso kuAsinkrito, uFilego, uHerma, uPatrobha, uHerme, namawethu akunye nabo.
15. Imibuliso kuFilologo noJuliya, uNere nodade wabo, no-Olimpa, nabo bonke abantu bakaThixo abakunye nabo.
16. Bulisanani ngokwamakholwa. Ayanibulisa onke amabandla kaKrestu.
17. Ke kaloku, mawethu, ndiyaniyala: balumkeleni abaxabanisayo nabakhubekisayo, besenza okuchaseneyo nemfundiso enayifundiswayo nina. Zikhwebuleni kubo.
18. Abantu abanjalo àbakhonzi yona iNkosi yethu uYesu Krestu. Hayi, basebenzela izisu zabo. Ngamazwi abo amnandi bayakhohlisa, balukuhle iintliziyo zabantu abanyulu.
19. Bonke bavile ngokumlulamela kwenu uKrestu; into ke leyo endivuyisayo ngani. Ndinga ke ningaba zizilumko okunene kokulungileyo; kodwa ningabi zizo kokubi.
20. Ke uThixo, imbangi yoxolo, uya kumnyhasha kamsinya uSathana phantsi kweenyawo zenu.Ubabalo lweNkosi yethu uYesu Krestu malube nani.
21. Uyanibulisa uTimoti osebenza nam, noLukiyo, noJason, noSosipatro, amawethu.
22. Nam Tertiyo osandla siyibhalileyo le ncwadi, ndiyanibulisa ndingoweNkosi nje.
23. Uyanibulisa uGayo endilundwendwe lwakhe, yena lihlanganela endlwini yakhe lonke ibandla. Uyanibulisa uErasto unondyebo wedolophu, noKwarto umwethu.[
24. Ubabalo lweNkosi yethu uYesu Krestu malube nani nonke. *Amen.]