Kwabaseroma 12:8-15 Ibhayibhile (XHO96)

8. Ukuba sinesiphiwo sokukhuthaza, masiqine ekukhuthazeni. Ongumabi makazabe izipho ngesisa. Owongameleyo makongamele ngenzondelelo. Owenza inceba makayenze echwayitile.

9. Uthando malungabi naluhanahaniso. Yithiyeni inkohlakalo; bambelelani kokulungileyo.

10. Thandanani ngokwabazalanayo. Shiyiselanani ngokwenzelana imbeko.

11. Zondelelani ningatyhafi. Yibani nefuthe loMoya. Yikhonzeni iNkosi.

12. Vuyani, ninethemba nje, ninyamezele ezimbandezelweni zenu, nithandaze ningayeki.

13. Ziboneleleni iintswelo zamakholwa, nizikhathaze ngokubuka iindwendwe.

14. Basikeleleni abanitshutshisayo; sikelelani, ningaqalekisi.

15. Vuyani nabavuyayo, nilile nabalilayo.

Kwabaseroma 12