19. Kodwa wena uya kuthi: “Aqhuzulwa amasebe, ukuze kumiliselwe mna.”
20. Unyanisile, aqhuzulwa ngenxa yokuba engakholwa, ke wena umi apho umiliselwe khona ngenxa yokuba ukholwa. Musa ke ukuba nekratshi, koko yoyika.
21. Engawasindisanga nje kaloku uThixo amasebe omthi endalo, angákusindisa njani wena?
22. Khawukhangele ke ububele nobungqongqo bukaThixo! Okunene úngqongqo kwabo bonayo, kodwa kuwe únobubele, ukuba ùthe wahlala kobu bubele. Kodwa kungenjalo wogawulwa nawe ngokwakho!
23. Nawo ke amaSirayeli, ukuba ayahlukana nalo eli phike lawo lokungakholwa, omiliselwa kwakhona. Kaloku uThixo unako ukubuya awamilisele.
24. Nina zintlanga nikhiwe kumnquma wasendle, naza nathi ngokunxamnye nemvelo namiliselwa kumnquma otyaliweyo. NgamaSirayeli kaloku amasebe omnquma otyaliweyo. Ngenxa yaloo nto ke kulula kuThixo ukuwamilisela kwakuloo mnquma.
25. Mawethu, andithandi ukuba ningayazi le mfihlakalo, hleze nizicingele ukuba niziingqondi, le yokuba inxalenye yamaSirayeli yoqaqadeka lide inani elizeleyo leentlanga liphelele.
26. Kwakuba kunjalo ke xa ewonke uSirayeli uya kusindiswa, njengoko zitshoyo *iziBhalo ukuthi:“Uya kuvela *eZiyon uMsindisi,akuphelise kwindlu kaYakobi ukungahloneli-Thixo;
27. nguwo lo ke umnqophiso wam nabo,mhla ndothi ndizicime izono zabo.”
28. Ngokuzichasa iindaba ezimnandi amaSirayeli aziintshaba zikaThixo, nto leyo inincedayo ke nina zintlanga. Kodwa ke ngokonyulo lukaThixo aziintanda zakhe ngenxa *yamanyange.
29. Kaloku uThixo akalujiki ubizo lwakhe, engazisoli nangezibabalo zakhe.
30. Nina ke zintlanga benifudula ningamthobeli uThixo, kodwa ngoku nenzelwe inceba ngenxa yokungamthobeli kwamaSirayeli.
31. Kwangokunjalo namaSirayeli akamthobeli ngoku uThixo, ngenxa yenceba eniyenzelweyo nina, ukuze kamva enzelwe inceba nawo.
32. Kaloku uThixo wabaquka bonke abantu ekungamthobelini, ukuze abenzele inceba xa bebonke.
33. Hayi ke bethu ubukhulu bobuhandiba bukaThixo, nobunzulu bobulumko nokwazi kwakhe! Asikuko nokuba aziphengululeki izigqibo zakhe, azilandeki iindlela zakhe!
34. Kanene:“Ngubani na owakha wayazi ingqiqo yeNkosi,ingubani na owakha waba ngumcebisi wayo?
35. Ngubani khona owakha wayiboleka nto,waza wabuyekezwa ngayo?”
36. Kaloku zonke izinto ziphuma kuyo iNkosi, zikho ngayo, zikholo yona. Mayidunyiswe ke iNkosi kude kube ngunaphakade! *Amen.