12. Esi siphoso samaSirayeli saluphathela intaphane yeentsikelelo uluntu; ngoko ke ukoyisakala kwawo kwaba yinzuzo enkulu ezintlangeni. Zobeka phi na ke ukusikeleleka iintlanga akuba amaSirayeli ezinikele ngokupheleleyo kuThixo!
13. Ngoku mandithethe nani, zintlanga. Okunene ekubeni mna ndingulowo *uthunywe kuzo iintlanga, ndizimisele ukuwenza ubalasele umsebenzi wam,
14. ndide ndivusele amawethu ikhwele, ndiyisindise inxalenye yawo.
15. Kaloku xa ukulahlwa kwawo kuxolelanise ihlabathi noThixo, koba njani ukwamkelwa kwawo? Kofana novuko lwabafileyo!
16. Ukuba isonka sokuqala sentlama singcwalisiwe ngokwenziwa umnikelo, kwangokunjalo zingcwele zonke ezinye ezenziwe ngaloo ntlama. Ukuba iingcambu zomthi zingcwele, kwangokunjalo namasebe angcwele.
17. Inxalenye yamasebe omnquma yaqhuzulwa kwamiliselwa amasebe omnquma wasendle esiqwini sawo. Nina ke, zintlanga, ningaloo masebe omnquma wasendle. Nanikwa inxaxheba kwincindi yeengcambu eziphilileyo zomnquma.
18. Musa ke ukuziphakamisa kunamanye amasebe. Kakade ke wena ungaqhayisa ngantoni? Asinguwe kaloku othwele iingcambu, ziingcambu ezithwele wena!