Kwabaseroma 11:11-26 Ibhayibhile (XHO96)

11. Ngaba isiwo samaSirayeli sawazisela intshabalalo? Nakanye! Kwathi ngesi siwo sawo usindiso lwazifikela iintlanga, khon' ukuze ziwavusele ikhwele.

12. Esi siphoso samaSirayeli saluphathela intaphane yeentsikelelo uluntu; ngoko ke ukoyisakala kwawo kwaba yinzuzo enkulu ezintlangeni. Zobeka phi na ke ukusikeleleka iintlanga akuba amaSirayeli ezinikele ngokupheleleyo kuThixo!

13. Ngoku mandithethe nani, zintlanga. Okunene ekubeni mna ndingulowo *uthunywe kuzo iintlanga, ndizimisele ukuwenza ubalasele umsebenzi wam,

14. ndide ndivusele amawethu ikhwele, ndiyisindise inxalenye yawo.

15. Kaloku xa ukulahlwa kwawo kuxolelanise ihlabathi noThixo, koba njani ukwamkelwa kwawo? Kofana novuko lwabafileyo!

16. Ukuba isonka sokuqala sentlama singcwalisiwe ngokwenziwa umnikelo, kwangokunjalo zingcwele zonke ezinye ezenziwe ngaloo ntlama. Ukuba iingcambu zomthi zingcwele, kwangokunjalo namasebe angcwele.

17. Inxalenye yamasebe omnquma yaqhuzulwa kwamiliselwa amasebe omnquma wasendle esiqwini sawo. Nina ke, zintlanga, ningaloo masebe omnquma wasendle. Nanikwa inxaxheba kwincindi yeengcambu eziphilileyo zomnquma.

18. Musa ke ukuziphakamisa kunamanye amasebe. Kakade ke wena ungaqhayisa ngantoni? Asinguwe kaloku othwele iingcambu, ziingcambu ezithwele wena!

19. Kodwa wena uya kuthi: “Aqhuzulwa amasebe, ukuze kumiliselwe mna.”

20. Unyanisile, aqhuzulwa ngenxa yokuba engakholwa, ke wena umi apho umiliselwe khona ngenxa yokuba ukholwa. Musa ke ukuba nekratshi, koko yoyika.

21. Engawasindisanga nje kaloku uThixo amasebe omthi endalo, angákusindisa njani wena?

22. Khawukhangele ke ububele nobungqongqo bukaThixo! Okunene úngqongqo kwabo bonayo, kodwa kuwe únobubele, ukuba ùthe wahlala kobu bubele. Kodwa kungenjalo wogawulwa nawe ngokwakho!

23. Nawo ke amaSirayeli, ukuba ayahlukana nalo eli phike lawo lokungakholwa, omiliselwa kwakhona. Kaloku uThixo unako ukubuya awamilisele.

24. Nina zintlanga nikhiwe kumnquma wasendle, naza nathi ngokunxamnye nemvelo namiliselwa kumnquma otyaliweyo. NgamaSirayeli kaloku amasebe omnquma otyaliweyo. Ngenxa yaloo nto ke kulula kuThixo ukuwamilisela kwakuloo mnquma.

25. Mawethu, andithandi ukuba ningayazi le mfihlakalo, hleze nizicingele ukuba niziingqondi, le yokuba inxalenye yamaSirayeli yoqaqadeka lide inani elizeleyo leentlanga liphelele.

26. Kwakuba kunjalo ke xa ewonke uSirayeli uya kusindiswa, njengoko zitshoyo *iziBhalo ukuthi:“Uya kuvela *eZiyon uMsindisi,akuphelise kwindlu kaYakobi ukungahloneli-Thixo;

Kwabaseroma 11