16. Kodwa asingabo bonke abazamkeleyo iindaba ezimnandi, njengoko atshoyo noIsaya ukuthi: “Nkosi, ngubani na othe wakholwa ludaba lwethu?”
17. Ngoko ke ukholo luvuswa ngokuvakaliswa kodaba; ke lona udaba luvakalisa uKrestu.
18. Ngaba awevanga na kodwa amaSirayeli? Ewe, avile. Kaloku iziBhalo zithi:“Ukuhlokoma kwelizwi labo kuvakala kuwo wonke umhlaba;namazwi abo afikelela eziphelweni zehlabathi.”
19. Ngaba kodwa wona amaSirayeli ayengaqondi? Ukuphendula mandiqale ngoMosis othi:“Mna ndiya kunenza nikhweletele uhlanga olungento;ndiya kunixhokonxa ngohlanga olungenangqondo.”
20. Ade atsho nokutsho uIsaya ukuthi:“Ndifunyenwe ngâbo babengandifuni,ndabonakala kwâbo babengabuzisi ngam.”
21. Kanti ngokubhekiselele kumaSirayeli uthi:“Imini yonke bendicengana nabantu abangevayo, abandiphikisayo.”