Kwabaseroma 10:16-21 Ibhayibhile (XHO96)

16. Kodwa asingabo bonke abazamkeleyo iindaba ezimnandi, njengoko atshoyo noIsaya ukuthi: “Nkosi, ngubani na othe wakholwa ludaba lwethu?”

17. Ngoko ke ukholo luvuswa ngokuvakaliswa kodaba; ke lona udaba luvakalisa uKrestu.

18. Ngaba awevanga na kodwa amaSirayeli? Ewe, avile. Kaloku iziBhalo zithi:“Ukuhlokoma kwelizwi labo kuvakala kuwo wonke umhlaba;namazwi abo afikelela eziphelweni zehlabathi.”

19. Ngaba kodwa wona amaSirayeli ayengaqondi? Ukuphendula mandiqale ngoMosis othi:“Mna ndiya kunenza nikhweletele uhlanga olungento;ndiya kunixhokonxa ngohlanga olungenangqondo.”

20. Ade atsho nokutsho uIsaya ukuthi:“Ndifunyenwe ngâbo babengandifuni,ndabonakala kwâbo babengabuzisi ngam.”

21. Kanti ngokubhekiselele kumaSirayeli uthi:“Imini yonke bendicengana nabantu abangevayo, abandiphikisayo.”

Kwabaseroma 10