1. Mawethu, ndilangazelela ngayo yonke intliziyo yam ukuba amaSirayeli, abantu bakowethu, asindiswe, ndaye ndihlala ndimbongoza uThixo ngenxa yawo.
2. Ndingawangqinela ukuba anenzondelelo ngezinto zikaThixo, kodwa engenalo ulwazi olululo.
3. Akayazanga indlela uThixo abalungisa ngayo abantu, aza afuna ukuba ngamalungisa ngeyawo indlela. Ngokwenjenjalo ke akayithobelanga indlela uThixo abenza ngayo amalungisa abantu.
4. Kaloku umthetho ufikelele esiphelweni ngoKrestu, khon' ukuze wonke umntu abe lilungisa kuba ekholwa.
5. Malunga nokuba lilungisa phambi koThixo ngokuthobela umthetho, uMosis ubhale esithi: “Umntu owugcinayo umthetho, wophila ngawo.”
6. Kodwa malunga nokwenziwa ilungisa ngokholo kuthiwa: “Musa ukuthi entliziyweni yakho: Ngubani na oya kunyuka aye ezulwini?” (oko kukuthi ahlise uKrestu).
7. “Okanye musa ukuthi: Ngubani na oya kuhla aye enzonzobileni?” (oko kukuthi ukuya kunyusa uKrestu kwabafileyo).
8. Ngaba ke kukuthini oko? Kukuthi: “Ilizwi likaThixo likufuphi kuwe, lisemlonyeni wakho nasentliziyweni yakho.” Ilizwi lokholo esilivakalisayo nali: