16. Andinazintloni ngazo iindaba ezimnandi zikaKrestu. Zingamandla kaThixo okusindisa bonke abakholwayo, umJuda kuqala, kwanowolunye uhlanga ngokunjalo.
17. Ngezi ndaba zimnandi kaloku kutyhilwa indlela uThixo asenza amalungisa ngayo: kungokholo qha, njengoko zitshoyo neziBhalo ukuthi: “Ngokholo lwakhe olilungisa uya kudla ubomi.”
18. Ingqumbo kaThixo ibonakala ivela ezulwini. Yona ichasene naso sonke isono nokungalungisi kwabantu abayithintelayo inyaniso ngokona.
19. Unobangela wale ngqumbo kukuba oko kunokwaziwa ngoThixo kucacile kubo, kuba uThixo wakubonakalisa kubo ngokwakhe.