1. Kubhala mna Pawulos, umkhonzi kaYesu *Krestu, *umthunywa owabizwayo, wamiselwa ukuvakalisa iindaba ezimnandi zikaThixo.
2. Ezi ndaba uThixo wathembisa ngazo kwangaphambili *ngabashumayeli bakhe *eziBhalweni eziNgcwele.
3. Ezi ndaba ke zibhekiselele kuNyana wakhe, owazalwa engowomlibo kaDavide ngokobuntu,
4. waza ngamandla oMoya oyiNgcwele wabonakaliswa ngesiganeko sokuvuka kwabafileyo ukuba unguNyana kaThixo. Lo Nyana kaThixo nguYesu iNkosi yethu;
5. endathi ngaye ndenzelwa isisa sokuba ngumthunywa ngenxa yakhe, ukuze ndikhokelele izizwe zonke ekukholweni nasekumthobeleni;
6. eniphakathi kwazo nani, nina babiziweyo bakaYesu Krestu.
7. Kuni nonke, bathandwa bakaThixo abaseRoma, nina nibiziweyo naba ngabakaThixo, ndithi: Makube lubabalo noxolo oluvela kuThixo uBawo wethu, neNkosi uYesu Krestu.