Kwabasekolose 3:1-5 Ibhayibhile (XHO96)

1. Njengoko kaloku navuswa kunye noKrestu, yibani nomdla kwizinto zasezulwini, apho akhoyo uKrestu, ehleli kwiwonga alinikwe nguThixo.

2. Iingqondo zenu zimiliseleni kwizinto zaphezulu, kungabi kwizinto zalo mhlaba.

3. Kaloku nafa; ngoko ke ubomi benu busafihlakele kunye noKrestu kuThixo.

4. UKrestu bubomi benu; ngoko ke, akubonakaliswa yena, nani niya kubonakala ningoomaqhuzu kunye naye.

5. Ngoko ke yitshitshiseni iphele kuni imikhwa yeli hlabathi: ukurheletya, ukungcola, ukutshiseka, iinkanuko, nokunyoluka okukwalunqulo-zithixo.

Kwabasekolose 3