7. Iingcambu zenu mazendele, nakheke kuye, nomelele ngokomelela elukholweni njengoko nafundiswayo, niphuphume ngumbulelo.
8. Zilumkeleni, ningathatheki iingqondo yimilavuzo engaphethe nto, engasekelwanga ngoKrestu, esekelwe ngezithethe neemfundiso zabantu, nangamagunya alawula ehlabathini.
9. Kuba kaloku ubume bobomi bukaThixo bukho ngokupheleleyo kuKrestu ongumntu;
10. yaye ke nimanywe naye nje, niphiwe ubomi obupheleleyo. Kaloku yena yintloko: liphantsi kwakhe lonke igunya namandla.
11. Nakuba nimanyene naye naluswe ngolwaluko olungelulo olwabantu nje, kodwa olulolukaKrestu: lona kukukhululwa komntu kwigunya lesimo esidala.
12. Kaloku ekubhaptizweni kwenu nangcwatywa kunye naye, kwangokunjalo navuswa kunye naye ngokuzinikela kumandla kaThixo asebenzayo, yena wamvusayo uKrestu ekufeni.
13. Nangona nanifile ngenxa yeziphoso zenu, nto leyo icaciswa kukungaluki kwenu, uThixo univuse kunye noKrestu, waza wazixolela zonke izono zethu.
14. Usicime mpela isityholo setyala lethu lokwaphula imiqathango yomthetho. Incwadi leyo yesityholo uyisuse kwaphela, wayibethelela emnqamlezweni.
15. Uboyisile oomagunya nooziphathamandla, wabenza intlekisa esidlangalaleni, bekumngcelele wabathinjwa aboyisiweyo.
16. Ngoko ke makungabikho bani unixoxisayo ngento emaniyitye, okanye niyisele, nangemisitho yokuthwasa kwenyanga *neyoMhla wokuPhumla.
17. Ezi zinto zazisisithunzi nje sento eyayilindelekile – inkqu yayo nguKrestu.
18. Musani ke ukuqhathwa ngabantu abazenza bhetele, beqhayisa ngemibono nangentobeko ethile, benqula izithunywa zezulu. Abantu abanjalo bafumana bezingca nje, bebambelele ezintweni ezibonakalayo zengqondo yabo.