1. Ndiphetha ngelithi ke, mawethu, yanga iNkosi inganipha uvuyo. Akundixhamli konke ukuphinda ndibhale izinto ebekhe ndazibhala ngaphambili; iya kuninceda loo nto.
2. Zilumkeleni ezo zinja, nemikhwa yazo emibi. Balumkeleni abo banimele ngokutsheca imizimba – soze ndithi lulwaluko loo nto yabo.
3. Ábaluke ngenene sithi, thina bamnqula ngoMoya uThixo, thina baqhayiya labo linguKrestu Yesu, thina singaqhayisiyo ngento eyenziwe emzimbeni.
4. Nam ngokwam bendingaqhayisayo ngezi zinto. Ukuba kukho bani uqhayisa ngembonakalo, mna ndingaqhayisa ngaphezulu:
5. Mna ndaluswa ndineentsuku ezisibhozo ndizelwe. NdingumSirayeli wesizwe sakwaBhenjamin ngokomlibo, umHebhere nozwane. Ndandingoweqela *labaFarasi ekugcineni *umthetho,ndinenzondelelo,
6. ndada ndalitshutshisa ibandla. Ndandingabekwa bala ekuwugcineni umthetho.
7. Kodwa zonke ezo zinto ndandisithi ziyinzuzo, ngoku ndizithatha njengelahleko ngenxa kaKrestu.