Kwabase-Efese 2:10-22 Ibhayibhile (XHO96)

10. Singumsebenzi wezandla zikaThixo ke thina. Kaloku simanywe noYesu Krestu nje, uThixo wasidalela ukuba sizinikele ekwenzeni imisebenzi emihle awasimisela yona kwangaphambili.

11. Kaloku yikhumbuleni imeko yenu yangaphambili ngelaa xesha naningabahedeni. Kwakusithiwa ningabangalukanga ngabo bolwaluko (lwaluko olo lulisiko nje langaphandle).

12. Kaloku ngelo xesha nanikude kuKrestu. Naningenabudlelane nemilowo yakwaSirayeli. Naningaphandle kweminqophiso nezithembiso zikaThixo. Naningenathemba, ningenaThixo kweli hlabathi.

13. Kodwa ngoku, ngokumanywa noKrestu, nina kanye enanikade nikude lee, nisondeziwe ngokuphalala kwegazi likaKrestu.

14. Kuba kaloku nguye umxolelanisi. Iintlanga namaJuda uzenze zasisizwe esinye. Yena buqu waludiliza udonga lobutshaba obelusahlule.

15. Kaloku uwubhangisile umthetho nemiyalelo kwanemimiselo yawo, ukuze ngezi zizwe zibini adale isizwe esitsha esimanywe naye ngokwakhe. Ngaloo ndlela ke udale uxolo.

16. Ewe, ngomnqamlezo wakhe uKrestu ububhangisile ubutshaba, waza ezi zizwe zibini wazixolelanisa zayimbumba yamanyama kuThixo.

17. Ngoko ke weza washumayela iindaba ezimnandi zoxolo, kuni nina babekade bekude, nakwabo bebekufutshane kakade.

18. Kaloku sonke, amaJuda kwaneentlanga, singena ngoKrestu, siye kufikelela kuBawo ngenkqu, sikuMoya omnye.

19. Ngoko ke, nani zintlanga, anisengabo abasemzini neendwendwe. Niyimilowo nabantu bakaThixo; nilusapho lukaThixo.

20. Nani ke nakhelwe phezu kwesiseko *sabathunywa *nabashumayeli, kodwa ke elona litye lesiseko nguYesu Krestu ngokwakhe.

21. Ungoyena usixhasayo isakhiwo xa sisonke, ukuze sikhule sibe yindlu engcwele yeNkosi.

22. Ngokumanywa naye ke nani niyakhiwa nikunye nabanye, ukuze nibe sisakhiwo ahlala kuso uThixo ngoMoya.

Kwabase-Efese 2