Kwabase-Efese 1:14-19 Ibhayibhile (XHO96)

14. Lo Moya ke usisiqinisekiso selifa lethu esiya kulifumana lakufika ixesha lenkululeko yemilowo yakhe, ukuze kubongwe kudunyiswe isidima nesithozela sikaThixo!

15. Ngenxa yezi zinto ke, ndakuba ndivile ngokholo eninalo kuYesu iNkosi yethu, nangendlela eniluthanda ngayo lonke usapho lukaThixo,

16. andiphezi ukumbulela uThixo ngenxa yenu, xa ndinikhumbulayo emthandazweni.

17. Ndiyamcela uThixo weNkosi yethu uYesu Krestu, uSosidima, ukuba aniphe uMoya wobulumko, anityhilele uThixo, ukuze nimazi.

18. Ndiyamcela ukuba anikhanyisele nibe nokuqonda, khon' ukuze nilazi ithemba anibizele kulo, niziqonde iintsikelelo ezingaka ezililifa lemilowo yakhe,

19. nikuve ukongama kwawo amandla akhe ngakuthi, thina bathembele kuye. La mandla ikwangalawa

Kwabase-Efese 1