24. Kaloku uKrestu le ndawo ingcwele angene kuyo ayenziwanga ngumntu, futhi ayingomfanekiso; koko ungene ezulwini phakathi. Ngoku umi khona phambi koThixo; uyasithethelela.
25. Yena akaphinda-phindi ukuzinikela njengombingeleli omkhulu ongena endaweni engcwele minyaka le negazi elingelilo nelakhe.
26. Kaloku ukuba bekungenjalo ubunzima nge-ebuve kaninzi, kususela ekusekweni kwehlabathi. Kodwa endaweni yaloo nto ungene kwaba kanye qwaba, ekusongweni kwamaxesha, ukuze isono asisuse ngedini elinguye buqu.
27. Umntu ngamnye ufa kube kanye, emva koko agwetywe.