Kumahebhere 9:15-26 Ibhayibhile (XHO96)

15. Ngoko ke yena uKrestu ungunozakuzaku womnqophiso omtsha, ukuze abantu ababiziweyo nguThixo balizuze ilifa laphakade ababelithenjisiwe. Kaloku ngokufa kwakhe uzicimile izono ababezenzile ngexesha lomnqophiso wokuqala.

16. Ke, apho kukho umyolelo kufuneka icace into yokuba umyoleli ufile.

17. Kaloku umyolelo awusebenzi xa esaphila umyoleli; kuphela usebenza akuba efile.

18. Seso sizathu ke esabangela ukuba nowokuqala umnqophiso usungulwe ngegazi.

19. UMosis waqala wabavakalisela abantu yonke imiyalelo njengoko ibhaliwe *emthethweni. Kamva ke walithatha igazi lamankonyana neleebhokhwe kunye namanzi, waza wathatha uboya obubomvu nobulawu, wayifefa ngegazi incwadi yomthetho ndawonye nabo bonke abantu,

20. esithi: “Eli ligazi lomnqophiso aniwisele wona uThixo.”

21. Kwangokunjalo wayifefa intente ababekhonzela kuyo, nazo zonke izitya ezazisetyenziswa kuyo.

22. Ewe, ngokomthetho phantse yonke into ihlanjululwa ngegazi; ngaphandle kokuphalala kwegazi akukho ukuxolelwa kwezono.

23. Ngoko ke ezi zinto zahlanjululwa ngolu hlobo. Kaloku zona ziyimifanekiso yezinto zokwenene ezisezulwini. Kodwa ke zona ezo zisezulwini zihlanjululwa ngamadini angcono.

24. Kaloku uKrestu le ndawo ingcwele angene kuyo ayenziwanga ngumntu, futhi ayingomfanekiso; koko ungene ezulwini phakathi. Ngoku umi khona phambi koThixo; uyasithethelela.

25. Yena akaphinda-phindi ukuzinikela njengombingeleli omkhulu ongena endaweni engcwele minyaka le negazi elingelilo nelakhe.

26. Kaloku ukuba bekungenjalo ubunzima nge-ebuve kaninzi, kususela ekusekweni kwehlabathi. Kodwa endaweni yaloo nto ungene kwaba kanye qwaba, ekusongweni kwamaxesha, ukuze isono asisuse ngedini elinguye buqu.

Kumahebhere 9