Kumahebhere 6:18-20 Ibhayibhile (XHO96)

18. Nâzo ke izinto ezimbini ezingenakujikwa – isifungo nesithembiso – ibe ke noThixo akanakuxoka. Ngoko ke thina basindileyo siyakhuthazwa ukuba sibambelele nkqi kweli themba liphambi kwethu.

19. Eli themba ke liyintsika yobomi bethu. Liyasikhusela, futhi lisisiqinisekiso. Lingena liye kutsho ngaphaya komkhusane,

20. apho uYesu aye kungena khona njengovulindlela omele thina. Kaloku yena ungumbingeleli wodidi lukaMelkizedeki oya kuhlala ehleli.

Kumahebhere 6