Kumahebhere 4:5-9 Ibhayibhile (XHO96)

5. Ndiyaphinda ndithi umxholo esithetha ngawo uthi: “Abasoze bangene ekuphumleni.”

6. Kucacile ke kodwa ukuba bakho bona abaya kungena. Abo babezive kuqala iindaba ezimnandi baphoswa bona kukungena ngenxa yokungakholwa kwabo.

7. UThixo ke umise omnye u-“namhlanje.” Kaloku emva kweminyaka emininzi selesebenzisa uDavide; uthi:“Namhlanje nakuliva ilizwi lakhe,nize ningabi neenkani.”

8. Ke ukuba uYoshuwa wabafikisa ekuphumleni, ubengathini uThixo emva koko ukuthetha ngomnye umhla?

9. Usabalindele ke ngoko abantu bakaThixo omnye umhla wokuphumla.

Kumahebhere 4