1. Ngoko ke lumkani, hleze abanye benu baphoswe, kuba sisemi kaloku isithembiso sokungena ekuphumleni noThixo.
2. Kaloku nathi iindaba ezimnandi sizivile, kanye njengabo. Kodwa bona olu daba alubenzelanga nto, kuba abo baluvileyo abalwamkelanga ngokholo.
3. Kambe ke thina sikholwayo, singabo bangenayo koko kuphumla kuxelwayo xa kusithiwa:“Ndithe ke ngomsindo ndafunga ndathi:‘Abasoze bangene ekuphumleni kwam.’ ”Ke wona umsebenzi wakhe uThixo wayesele wawugqiba kwasekusekweni kwehlabathi.
4. Zixela loo nto ke iziBhalo xa zithetha ngomhla wesixhenxe zisithi: “UThixo waphumla ngomhla wesixhenxe akugqiba ukudala.”
5. Ndiyaphinda ndithi umxholo esithetha ngawo uthi: “Abasoze bangene ekuphumleni.”
6. Kucacile ke kodwa ukuba bakho bona abaya kungena. Abo babezive kuqala iindaba ezimnandi baphoswa bona kukungena ngenxa yokungakholwa kwabo.
7. UThixo ke umise omnye u-“namhlanje.” Kaloku emva kweminyaka emininzi selesebenzisa uDavide; uthi:“Namhlanje nakuliva ilizwi lakhe,nize ningabi neenkani.”
8. Ke ukuba uYoshuwa wabafikisa ekuphumleni, ubengathini uThixo emva koko ukuthetha ngomnye umhla?