Kumahebhere 3:6-11 Ibhayibhile (XHO96)

6. Kodwa ke yena uKrestu uthembeke njengonyana endlwini yakhe. Indlu leyo ke síthí, ngakumbi ukuba sibambelele singenadyudyu kwithemba lethu esinebhongo ngalo.

7. Kungoko ke noMoya oyiNgcwele atshoyo ukuthi:“Nakuliva ilizwi lakhe namhlanje,

8. sanukuba neenkani njengakwimihla yesidube-dube entlango apho namlingayo uThixo.

9. ‘Apho bandivavanyayo bandilinga ooyihlo,’ utsho uThixo,‘nakuba yaba ngamashumi amane eminyaka beyibona imisebenzi yam.

10. Nantso into eyandicaphukisayo kweso sizukulwana, ndaza ndathi:Basoloko besona;abaziqondi iindlela zam.

11. Futhi ndada ndafunga ndinomsindo, ndathi:Abasoze bangene ekuphumleni kwam.’ ”

Kumahebhere 3