15. Ngale ndlela ke wabakhulula abantu nakwiimbophelelo zokoyika ukufa ababephantsi kwazo bonke ubomi babo.
16. Ke aba abancedayo asizozithunywa zezulu, ngabantu abayinzala ka-Abraham.
17. Ngoko ke ubemele ukuba afane nqwa nabantakwabo, khon' ukuze abe ngumbingeleli onovelwano nothembekileyo emsebenzini kaThixo, onako ukungxengxezela izono zabantu.
18. Kaloku yena nanjengamntu oselephumelele ebunzimeni bokulingwa, unako ukubanceda abo basalingwayo.