Kumahebhere 11:34-40 Ibhayibhile (XHO96)

34. bacime imililo edwanguzayo, basinde ekufeni ngekrele. Baphiwa amandla xa babengenawo. Babengamagorha emfazweni; babezichitha iintshaba zibe ziintsalu.

35. Ngokholo abafazi babebuyiselwa abafileyo babo bevuswe ekufeni. Abanye bâla ukukhululwa, bafa ngokungxwelerhwa, khon' ukuze bavukele kobona bomi.

36. Bambi babesenziwa intlekisa, bekatswa, bekhonkxwa ngamatyathanga, bevalelwa entolongweni.

37. Babekhandwa ngamatye, besarhwa kubini, bebulawa ngekrele. Babehamba benxibe iimfele zeegusha nezikhumba zeebhokhwe, beswele, betshutshiswa, bephethwe gadalala.

38. Babengafanelanga ukuhlala kweli hlabathi linje, ngenxa yokulunga kwabo. Babezizibhadu-bhadu ezazihamba zihlala koozintlango nasezintabeni, koomiqolomba nasemingxunyeni phantsi komhlaba.

39. Bayakhunjulwa bonke ngabanye aba, ngenxa yokugqwesa kokholo lwabo. Kambe ke abazizuzanga izinto ezathenjiswayo nguThixo,

40. kuba kaloku uThixo ube nacebo limbi lilungileyo: uthande ukuba bangazixhamli izithembiso zakhe ngaphandle kwethu.

Kumahebhere 11