Kumahebhere 11:1-4 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ukukholwa ke kukuqiniseka ngezinto esinethemba lazo; kukwakukuqiniseka nangobukho bezinto esingaziboniyo.

2. Abantu bamandulo bagqwesa ngenxa yokuthembela kwabo kuThixo.

3. Ngokholo siyaqonda ukuba indalo yavela ngelizwi likaThixo, zaza izinto ezibonakalayo zabakho kungekho nto ibonakalayo adala ngayo.

4. Ngokholo lagqwesa kuThixo elika-Abheli idini kunelikaKayin. Ngokholo uAbheli wamkelwa nguThixo waba lilungisa, kuba uThixo ngokwakhe wakholiswa ngumnikelo wakhe. Ngako ukukholwa kwakhe ke, naxa afileyo nje uAbheli, usathetha.

Kumahebhere 11