Kumahebhere 1:1-9 Ibhayibhile (XHO96)

1. Amaxesha ngamaxesha mandulo uThixo wathetha nookhokho bethu ngeendlela ezahlukeneyo ngomlomo *wabashumayeli.

2. Kodwa ke kula maxesha okugqibela uthethe nathi ngoNyana wakhe. UThixo wammisela ukuba abe yindlalifa yezinto zonke, kwaye futhi ihlabathi liphela walidala ngaye.

3. Ewe, uNyana lo uphuhlisa ubungangalala bukaThixo, ibe ke yena noThixo bangumceph' ucandiwe. Ihlabathi lixhaswe nguye ngamandla elizwi lakhe. Uthe ke akuba elwenzile uxolelo lwezono wahlala ewongeni kwaThixo kweliphezulu.

4. Kaloku uNyana yena mkhulu kunezithunywa zezulu, kwaye ke uzuze negama elibalaseleyo kunelazo.

5. UThixo akukho sithunywa wakha wathi kuso:“UnguNyana wam wena,ndikuzele namhlanje;”engazange atsho nokuthi:“Ndiya kuba nguYise,yena abe nguNyana wam.”

6. Kwakhona ekuyiziseni kwakhe ehlabathini inkulu yakhe uThixo wathi:“Mazinqule yena zonke izithunywa zikaThixo.”

7. Ngokubhekiselele kwizithunywa zikaThixo kuthiwa:“Ulowenza imimoya izithunywa zakhe,nemibane elenyayo ibe zizicaka zakhe.”

8. Kodwa uthi mayela noNyana:“Kambe, ulawulo lwakho, Thixo, àluphele ndawo!Kwaye futhi wena ulawula ngobulungisa.

9. Ungumathand' ubulungisa,uyithiyile inkohlakalo.Ngenxa yaloo nto ke, Thixo,uThixo wakho ukuthambisile.Ewe, ukuthe jize ngesihomo nesithozelaesingaphezulu kwesoogxa bakho.”

Kumahebhere 1