3. Ukuba umntu uzicingela ukuba ubhetele, abe engento kodwa, uzikhohlisa nje ngokwakhe lowo.
4. Umntu ngamnye makazivavanye ngokwakhe isimilo sakhe; andule ke azikhangele umngangatho akuwo ngokuzithelekisa yena siqu, nendawo afanele ukuba kuyo. Makangazilinganisi nomnye umntu.
5. Kaloku wonke umntu unomthwalo wakhe ekufuneka awuthwale yedwa.
6. Nawuphi na umntu ophantsi kwengqeqesho yelizwi likaThixo, umelwe kukwabelana nalowo umfundisayo ngeento zonke ezilungileyo anazo.