Kumagalati 3:19-21 Ibhayibhile (XHO96)

19. Yaye iyintoni ke injongo yomthetho? Wona wahlonyelelwa ukuze ucacise isigqitho, lo gama angekafiki umzukulwana ka-Abraham esasenzelwe yena isithembiso. Umthetho wanikelwa zizithunywa, kukho unozakuzaku.

20. Kodwa ke unozakuzaku akafuneki nganto xa umntu emnye qha; kambe ke yena uThixo mnye.

21. Ngaba ke le nto ithetha ukuba umthetho uchasene nezithembiso zikaThixo? Hayi khona, soze! Kaloku ukuba wawumiselwe umthetho onako ukubadlisa ubomi abantu, ngewawubenze bangamalungisa kuThixo.

Kumagalati 3