Kumagalati 3:1-6 Ibhayibhile (XHO96)

1. MaGalatindini, nitheni, aninangqondo? Nibulewe phi ninje nje nje? Nina aba kanye nanisenzelwa inkcazelo ecacileyo ngokufa kukaYesu emnqamlezweni!

2. Khanindiphe nje le ndawo: Ngaba uMoya kaThixo namamkela ngenxa yokuba nenze okufunwa ngumthetho, okanye kwakungenxa yokuba naziva nazamkela iindaba ezimnandi?

3. Ningathini ukungabi nangqondo kangaka! Njengokuba naqala ngamandla oMoya kaThixo nje, ngaba ngoku senifuna ukugqibezela ngawenu amandla?

4. Ngaba izigigaba ezinjengezi naba nazo zafumana zabakho? Ngenene azizange zifane zehle nje!

5. Kanene, ngaba uThixo waninika uMoya waza wenza nemiqondiso phakathi kwenu, ngenxa yokuba nina nanithobela umthetho? Okanye ezo zinto wazenza ngenxa yokuba nina nazivayo nazamkela iindaba ezimnandi?

6. Kunjengoko *iziBhalo zitshoyo ngoAbraham ukuthi yena wakholwa kuThixo, waza ke uThixo wamenza ilungisa ngenxa yokukholwa kwakhe.

Kumagalati 3