17. Ukuba ke thina sizamela ukwenziwa amalungisa nguThixo ngokumanywa noKrestu, sisafumaneka sisenza isono, ngaba loo nto ithetha ukuthi uKrestu uhambisana nesono? Nakanye!
18. Ukuba ndiyaphinda ndiyivuse imikhwa endahlukanáyo nayo ndiyazicacisa ukuba ndim isaphulamthetho.
19. Kaloku ndafa kuwo umthetho – ndibulawa kwangawo amabango omthetho – ukuze ndiphilele uThixo. Ndibethelelwe emnqamlezweni kunye noKrestu,