12. Nam andizinikwanga mntu, futhi ndingazifundiswanga mntu; ndazityhilelwa nguYesu Krestu.
13. Ndiyacinga ukuba senivile ngobomi bam ngokuya ndandingekaguquki ekulandeleni izithethe zonqulo lwamaJuda. Okuya ndandilitshutshisa ngokungenanceba ibandla likaThixo, ndifunzele ukulitshabalalisa.
14. Kwezonqulo ndandigalawele kuneentanga zam ezininzi. Ndandibalasele ngenzondelelo kwizithethe zamanyange.
15. Kodwa uThixo wandinyula ndingekazalwa, wandibiza ngenxa yesisa sakhe ukuba ndimsebenzele. Kuthe ke kwakukholeka kuThixo
16. ukumbonakalisa uNyana wakhe kum, ukuze ndishumayele iindaba zakhe ezintlangeni, andabi sabuza nto mntwini,
17. andabi saya nokuya naseJerusalem *kubathunywa abadala kunam emsebenzini, koko ndasuka ndaya ngqo kwelama-Arabhu. Emva koko ke ndabuyela eDamasko.
18. EJerusalem ndaya emva kweminyaka emithathu, ndinomnqweno wokwazana noPetros; ndahlala naye ke iiveki zambini.
19. Akukho mthunywa wumbi ndambonayo ngaphandle kukaYakobi umntakwabeNkosi.
20. Ndithetha inyaniso; andixoki; uThixo uyazi!
21. Emva kwexesha ndaya kwimimandla yaseSiriya naseKiliki.
22. Ngelo xesha ke amabandla kaKrestu akwaJuda ayengekandiboni.
23. Babeseva nje ngembali, kusithiwa: “Laa mfo wayekade esitshutshisa, ngoku ushumayela iindaba zokholo, ezi kanye wayezitshabalalisa.”
24. Kambe ke babemdumisa uThixo ngenxa yam.