Kufilmon 1:4-16 Ibhayibhile (XHO96)

4. Maxa onke ndithandaza, ndiyambulela uThixo ngenxa yakho.

5. Ndiyivile kaloku indlela obathanda ngayo abantu bakaThixo, ngokunjalo nokholo onalo kwiNkosi uYesu.

6. Umthandazo wam kukuba ubudlelane bethu enkolweni bunga bungakwenza uziqonde ngcono iintsikelelo esinazo thina bamanywe noKrestu.

7. Ewe kambe, ndithathekile ndaye ndinemihlali ngenxa yothando onalo, mfondini; kaloku abantu bakaThixo bayahlaziyeka bakuhlangana nawe.

8. Ngoku ke, nakuba bendingaba nesibindi, nanjengamntu umanywe noKrestu, sokuba ndikunyanzele ngento ofanelwe kukuyenza,

9. kodwa imfobe yothando iyandinyanzela ukuba ndikubongoze. Ewe, mna kanye Pawulos, ndilixhego nje ngoku, futhi ndikwangumbanjwa ngenxa kaYesu Krestu,

10. ndiyakubongoza ngenxa kaOnesimo, unyana wam endimzele ngokomoya, ngoku ndilapha entolongweni.

11. Kambe ebekade engento konke kuwe, kodwa ngoku uxabisekile kuwe nakum.

12. Ngoku ke nanko ndimthumela kwakuwe. Kambe ke xa wamkela yena, wamkela mna.

13. Bendingathandayo ukumgcina apha ngoku ndingumbanjwa, ukuze athathe indawo yakho ekundincediseni ukuvakalisa iindaba ezimnandi.

14. Kodwa andithandi ukuba ndenze nto ungavumanga; hayi, bendiya kuba ndiyakunyanzela ukuba wenze into entle, kungekuba kukholekile kuwe.

15. Mhlawumbi uOnesimo wahlukaniswa nawe okwethutyana, ukuze ubuye umzuze ningasazi kwahlukana.

16. Kaloku ngoku akaselokhoboka nje kuphela, ungaphezu kwekhoboka: ungumwethu othandekayo. Yaz'ba xa exabiseke kangaka nje kum, ubeke phi ke ukuxabiseka kuwe! Akaselokhoboka nje kuphela, ukwangumwethu omanywe neNkosi!

Kufilmon 1