1. Kubhala mna Pawulos, umbanjwa ngenxa kaYesu Krestu, ndikunye noTimoti umlingane wam. Ndibhalela wena mhlobo nogxa wam, Filmon,
2. kunye nebandla elihlangana endlwini yakho, nodade uApiya, ngokunjalo nogxa wam uArkipo.
3. Wanga uThixo uBawo wethu kunye neNkosi uYesu Krestu anganibabala, aniphe uxolo.
4. Maxa onke ndithandaza, ndiyambulela uThixo ngenxa yakho.
5. Ndiyivile kaloku indlela obathanda ngayo abantu bakaThixo, ngokunjalo nokholo onalo kwiNkosi uYesu.