1. Kubhala mna Pawulos, umbanjwa ngenxa kaYesu Krestu, ndikunye noTimoti umlingane wam. Ndibhalela wena mhlobo nogxa wam, Filmon,
2. kunye nebandla elihlangana endlwini yakho, nodade uApiya, ngokunjalo nogxa wam uArkipo.
3. Wanga uThixo uBawo wethu kunye neNkosi uYesu Krestu anganibabala, aniphe uxolo.
4. Maxa onke ndithandaza, ndiyambulela uThixo ngenxa yakho.
5. Ndiyivile kaloku indlela obathanda ngayo abantu bakaThixo, ngokunjalo nokholo onalo kwiNkosi uYesu.
6. Umthandazo wam kukuba ubudlelane bethu enkolweni bunga bungakwenza uziqonde ngcono iintsikelelo esinazo thina bamanywe noKrestu.
7. Ewe kambe, ndithathekile ndaye ndinemihlali ngenxa yothando onalo, mfondini; kaloku abantu bakaThixo bayahlaziyeka bakuhlangana nawe.
8. Ngoku ke, nakuba bendingaba nesibindi, nanjengamntu umanywe noKrestu, sokuba ndikunyanzele ngento ofanelwe kukuyenza,
9. kodwa imfobe yothando iyandinyanzela ukuba ndikubongoze. Ewe, mna kanye Pawulos, ndilixhego nje ngoku, futhi ndikwangumbanjwa ngenxa kaYesu Krestu,
10. ndiyakubongoza ngenxa kaOnesimo, unyana wam endimzele ngokomoya, ngoku ndilapha entolongweni.
11. Kambe ebekade engento konke kuwe, kodwa ngoku uxabisekile kuwe nakum.