6. Isikreqo sabantu bakowethu singaphaya kwesono saseSodom,yona yadilizwa ngequbuliso kungekho bani ufake isandla.
7. Iinkosana zayo zazikhanya ngaphezu kwekhephu,zimhlophe kunobisi,imizimba yazo ibukeka ngaphezu kweerubhi,zinomkhitha okwesafire.
8. Kodwa ngoku zimnyama kunomsizi;azaziwa xa zihamba esitalatweni.Ulusu lwazo lushwabene lwathi nca emathanjeni;lome okweenkuni.
9. Banethamsanqa abafe ngekrele kunabo babulewe yindlala;bayaphela ngenxa yephango, kuba akukho kudla emasimini.
10. Abafazi ababesakuba nemfesane babapheke ngezabo izandla abantwana babo,baba kukudla kwabo ngexesha lokutshatyalaliswa kwabantu bakowethu.
11. *UNdikhoyo uyikhuphe yaphelela ingqumbo yakhe;uwuthulule umsindo wakhe ovuthayo.Uwuphembile umlilo eZiyon, wazitshisa iziseko zayo.
12. Iikumkani zehlabathi zazingakholwa,nditsho nkqu abemi bonke belimiweyo,ukuba iintshaba nababandezeli bangaze bangene emasangweni eJerusalem.