20. Umthanjiswa kaNdikhoyo, obubomi nomphefumlo wethu, wabanjiswa emigibeni yabo.Thina besiba xa siphantsi kwesithunzi sakhesoba ngabantu phakathi kwezizwe.
21. Yiba nemihlali uvuye, ntombi enguEdom,wena ohlala elizweni laseUze.Phofu nawe uza kuyirhabula le ndebe;uya kunxila uzihlube uhambe ze.
22. Wena ntombindini enguZiyon,siza kufikelela esiphelweni isohlwayo sakho;akuyi kolulwa ukuthinjwa kwakho.Kodwa, ntombindini enguEdom, úya kukohlwaya ngesikreqo sakho,ayityhile inkohlakalo yakho.