10. Abafazi ababesakuba nemfesane babapheke ngezabo izandla abantwana babo,baba kukudla kwabo ngexesha lokutshatyalaliswa kwabantu bakowethu.
11. *UNdikhoyo uyikhuphe yaphelela ingqumbo yakhe;uwuthulule umsindo wakhe ovuthayo.Uwuphembile umlilo eZiyon, wazitshisa iziseko zayo.
12. Iikumkani zehlabathi zazingakholwa,nditsho nkqu abemi bonke belimiweyo,ukuba iintshaba nababandezeli bangaze bangene emasangweni eJerusalem.
13. Kodwa ke kwenzekile oko ngenxa yezono zabashumayeli bayo,nezikreqo zababingeleli bayo,abaliphalaze kuyo igazi lamalungisa.