Izililo 3:9-23 Ibhayibhile (XHO96)

9. Umgaqo wam uwuvale ngamatye aqingqiweyo;iindlela zam uzenze zaba goso-goso.

10. Njengebhere elaleleyo, nanjengengonyama ezifihlileyo,

11. undikhuphe emendweni wandiqwenga,wandishiya apho ndingxwelerhekile.

12. Wasityeda isaphetha sakhe,wandimisa ndayitekeni yeentolo zakhe.

13. Undosele ngaphakathi ngeentolo zomphongolo wakhe.

14. Ndaba yintlekisa yabantu bonke bakowethu,bephoxisa ngam imini yonke ngeengoma ezingam.

15. Wandikakaza ndanela imithana ekrakra,wandiseza ndahlutha umhlonyane.

16. Amazinyo am uwaphule ngegrabile,wandinyhasha eluthulini.

17. Ndiluhluthiwe lwemka kum uxolo,ndawalibala amathuba enkqubela.

18. Ngoko ndithi: “Liphelile iwonga lamnako konke ebendithembele kuko *kuNdikhoyo.”

19. Zikhumbule iimbandezelo zam nokubhadula kwam –umhlonyane nenyongo.

20. Ndahlala ndizikhumbula ezo zinto,waye umphefumlo udakumbile ngaphakathi kum.

21. Konke oku ndiya kukugcina entliziyweni yam;ngoko ke ndohlala ndinethemba.

22. Kungenxa yezibele zikaNdikhoyo singatshabalalanga nje,kuba inceba yakhe ayinasiphelo.

23. Zihlala zintsha imihla ngemihla;kukhulu ukuthembeka kwakhe.

Izililo 3