Izililo 3:4-14 Ibhayibhile (XHO96)

4. Unditsho ndashwabana ulusu nenyama;uwaphule amathambo am.

5. Undingqingile wandirhangqa ngeenzingo nentlupheko.

6. Undenze ndahlala ebumnyameni, ndangathi ngabo bafa mandulo.

7. Undibiyele macala onke ukuze ndingabi nakuphuma;undikhonxe ngamakhamandela obhedu andisindayo.

8. Naxa ndikhala ndicela uncedo,uyawuthintela umthandazo wam.

9. Umgaqo wam uwuvale ngamatye aqingqiweyo;iindlela zam uzenze zaba goso-goso.

10. Njengebhere elaleleyo, nanjengengonyama ezifihlileyo,

11. undikhuphe emendweni wandiqwenga,wandishiya apho ndingxwelerhekile.

12. Wasityeda isaphetha sakhe,wandimisa ndayitekeni yeentolo zakhe.

13. Undosele ngaphakathi ngeentolo zomphongolo wakhe.

14. Ndaba yintlekisa yabantu bonke bakowethu,bephoxisa ngam imini yonke ngeengoma ezingam.

Izililo 3