Izililo 3:24-42 Ibhayibhile (XHO96)

24. Umoya wam uthi: “Isabelo sam nguNdikhoyo;ngako oko ndiya kukholosa ngaye.”

25. UNdikhoyo ulungile kwabo bathembele ngaye,kwabo bamfunayo.

26. Kulungile ukuthi cwaka,uthembe usindiso oluvela kuNdikhoyo.

27. Kulungile ukuba umntu ayithwale kwasebutsheni bakhe idyokhwe.

28. Makahlale yedwa athi cwaka,kuba uyithwaliswe nguNdikhoyo.

29. Makaguqe, ubuso buthi nqo eluthulini –lisenokubakho ithemba.

30. Makanikele isidlele sakhe kulowo unga angambetha,akwamkele ukuhlaziswa, anele kuko.

31. Kaloku iNkosi ayimlahli ngonaphakade umntu wayo.

32. Nakuba eyizisa intlungu ubuya abe nemfesane.Kaloku lungako uthando lwakhe olungazange lwaphela.

33. Asingomnqweno wakhe ukuthumela imbandezelo okanye inkxwaleko koonyana babantu.

34. Ukuwacumza ngonyawo onke amabanjwa emhlabeni,

35. nokugqwetha ityala lomntu emehlweni kaPhezukonke,

36. nokungayilamli ngobulungisa imbambano yomntu –ingaba iNkosi ayiziboni ezi zinto?

37. Ngubani onokuthetha kwenzeke xa iNkosi ingamyalelanga?

38. Azizi ngokutsho kukaPhezukonke na izinto ezimbi nezilungileyo?

39. Kungani na ukuba umntu abe nezikhalazo lo gama esaphila,xa esohlwaywa ngenxa yezono zakhe?

40. Masikhe siziphengulule sizigocagoce iindlela zethu,size sibuyele kuNdikhoyo.

41. Iintliziyo zethu kunye nezandla zethumasiziphakamisele kuThixo ezulwini, sithi:

42. “Sikreqile, sakuvukela,waza wena akwasixolela.”

Izililo 3