16. Amazinyo am uwaphule ngegrabile,wandinyhasha eluthulini.
17. Ndiluhluthiwe lwemka kum uxolo,ndawalibala amathuba enkqubela.
18. Ngoko ndithi: “Liphelile iwonga lamnako konke ebendithembele kuko *kuNdikhoyo.”
19. Zikhumbule iimbandezelo zam nokubhadula kwam –umhlonyane nenyongo.
20. Ndahlala ndizikhumbula ezo zinto,waye umphefumlo udakumbile ngaphakathi kum.
21. Konke oku ndiya kukugcina entliziyweni yam;ngoko ke ndohlala ndinethemba.
22. Kungenxa yezibele zikaNdikhoyo singatshabalalanga nje,kuba inceba yakhe ayinasiphelo.
23. Zihlala zintsha imihla ngemihla;kukhulu ukuthembeka kwakhe.
24. Umoya wam uthi: “Isabelo sam nguNdikhoyo;ngako oko ndiya kukholosa ngaye.”
25. UNdikhoyo ulungile kwabo bathembele ngaye,kwabo bamfunayo.
26. Kulungile ukuthi cwaka,uthembe usindiso oluvela kuNdikhoyo.
27. Kulungile ukuba umntu ayithwale kwasebutsheni bakhe idyokhwe.
28. Makahlale yedwa athi cwaka,kuba uyithwaliswe nguNdikhoyo.
29. Makaguqe, ubuso buthi nqo eluthulini –lisenokubakho ithemba.
30. Makanikele isidlele sakhe kulowo unga angambetha,akwamkele ukuhlaziswa, anele kuko.
31. Kaloku iNkosi ayimlahli ngonaphakade umntu wayo.
32. Nakuba eyizisa intlungu ubuya abe nemfesane.Kaloku lungako uthando lwakhe olungazange lwaphela.
33. Asingomnqweno wakhe ukuthumela imbandezelo okanye inkxwaleko koonyana babantu.
34. Ukuwacumza ngonyawo onke amabanjwa emhlabeni,