Izililo 3:12-15 Ibhayibhile (XHO96)

12. Wasityeda isaphetha sakhe,wandimisa ndayitekeni yeentolo zakhe.

13. Undosele ngaphakathi ngeentolo zomphongolo wakhe.

14. Ndaba yintlekisa yabantu bonke bakowethu,bephoxisa ngam imini yonke ngeengoma ezingam.

15. Wandikakaza ndanela imithana ekrakra,wandiseza ndahlutha umhlonyane.

Izililo 3