1. Mna ndiyindoda eyivileyo imbandezelongenxa yentonga yomsindo wakhe.
2. Undibhexeshile wandenza ndahamba ebumnyameni endaweni yokukhanya.
3. Ewe, isandla sakhe sindijikele saphindelela imini yonke.
4. Unditsho ndashwabana ulusu nenyama;uwaphule amathambo am.
5. Undingqingile wandirhangqa ngeenzingo nentlupheko.
6. Undenze ndahlala ebumnyameni, ndangathi ngabo bafa mandulo.
7. Undibiyele macala onke ukuze ndingabi nakuphuma;undikhonxe ngamakhamandela obhedu andisindayo.
8. Naxa ndikhala ndicela uncedo,uyawuthintela umthandazo wam.
9. Umgaqo wam uwuvale ngamatye aqingqiweyo;iindlela zam uzenze zaba goso-goso.
10. Njengebhere elaleleyo, nanjengengonyama ezifihlileyo,
11. undikhuphe emendweni wandiqwenga,wandishiya apho ndingxwelerhekile.
12. Wasityeda isaphetha sakhe,wandimisa ndayitekeni yeentolo zakhe.
13. Undosele ngaphakathi ngeentolo zomphongolo wakhe.