7. *UNdikhoyo ulilahlile iqonga lakhe lamadini,wasicekisa isibingelelo sakhe esisodwa.Iindonga ezikhusela amabhotwe akhe uzinikezele esandleni seentshaba;ziyaxokozela endlwini kaNdikhoyo njengangomhla womsitho.
8. UNdikhoyo wagqiba ekudilizeni iindonga ezirhangqe intombi enguZiyon;wawolula umtya wokulinganisa,waza akasibamba isandla sakhe ekutshabalaliseni.Kwaba sisijwili kwiinqaba neendonga;zadilika zasuka zanyamalala.
9. Amasango ayo asuke azika emhlabeni;uyaphule wayikroboza imivalo yawo.Ukumkani neziphathamandla zayo bakwelasemzini phakathi kweentlanga;umthetho awusafundiswa;*abashumayeli bayo abasafumani mibono ivela kuNdikhoyo.
10. Amadoda amakhulu entombi enguZiyon athe bhaxa emhlabeni ethe cwaka.Azigalele ngomhlaba entloko, abhinqa ezirhwexayo ezila;umthinjana waseJerusalem uqubude wawa ngobuso emhlabeni.
11. Amehlo am akaboni ziinyembezi;amathumbu am ayaxuxuzela;ndiphelelwe sisibindi,ngenxa yokubhuqwa kwabantu bakowethu,kuba abantwana neentsana baphelelwe ngamandla ezitalatweni zesixeko.