10. Amadoda amakhulu entombi enguZiyon athe bhaxa emhlabeni ethe cwaka.Azigalele ngomhlaba entloko, abhinqa ezirhwexayo ezila;umthinjana waseJerusalem uqubude wawa ngobuso emhlabeni.
11. Amehlo am akaboni ziinyembezi;amathumbu am ayaxuxuzela;ndiphelelwe sisibindi,ngenxa yokubhuqwa kwabantu bakowethu,kuba abantwana neentsana baphelelwe ngamandla ezitalatweni zesixeko.
12. Babuza koonina bathi:“Siphi na isonka nesiselo?”xa besiwa isiduli ezitalatweni zesixeko, njengamadoda awoselweyo,xa beyoba besezandleni zoonina.
13. Ndingathetha ndithini na kuwe?Ndingakuthelekisa nantoni, ntombindini Jerusalem?Ndingakufanisa nantoni, khon' ukuze ndikuthuthuzele, ntombindini Ziyon?Inxeba lakho linzulu okolwandle.Ngubani ongakunyangayo?
14. Imibono yabashumayeli bakho yayingamampunge nenkohliso;abalutyhilanga ukreqo lwakho ukuze kunqandwe ukuthinjwa kwakho.Izihlabo abazibhekise kuwe zazibubuxoki obulahlekisayo.