Izililo 1:1-7 Ibhayibhile (XHO96)

1. Awu! Kusisizungu kwisixekoebesifudula sinenyambalala yabantu,nqwa nomhlolokazi obesakuba nodumo ezizweni.Lowo wayeyikumkanikazi yamazwana suka waba likhobokazana ngoku.

2. Uyangqukruleka elila ebusuku,izidlele zakhe zisihla iinyembezi.Kuzo zonke izithandwa zakhe akukho simthuthuzelayo;bonke abahlobo bakhe bamngcatshile, suka baziintshaba zakhe.

3. UJuda uye ekuthinjweni, weva iinkxwaleko nokusebenza nzima.Uhleli phakathi kweentlanga; akakufumani ukuphumla.Bamfumene bonke abamsukelayo, bamxina macala onke.

4. Zizilile iindlela ezibheka eZiyon,kuba akukho mntu uzayo kwimisitho yakhe.Asebugxwayibeni amasango akhe;ababingeleli bakhe babandezelekile;lusizi lodwa kumthinjana,ke yena usentlungwini ekrakra.

5. Ababandezeli bakhe basuke baba ziinkosi zakhe;iintshaba zakhe azinaxhala.Ubekwe elusizini *nguNdikhoyo ngenxa yezikreqo zakhe ezininzi.Abantwana bemkile ezweni labo, bangabathinjwa beentshaba.

6. Buphele tu ubungangamsha bentombi enguZiyon.Iziphathamandla zayo zinjengeenyamakazi ezingenadlelo;zibuthathaka zinjalo ziyasaba, zibaleka abasukeli.

7. Ngemihla yayo yenkxwaleko nokubhadulaiJerusalem iyabukhumbula bonke ubuncwane bayo bamandulo.Akubangakho mntu wakuyinceda xa abantu bayo babesoyiswa lutshaba.Iintshaba zayo zayiwa ngeentsini zakubona isiphelo sayo.

Izililo 1