Izafobe 9 Ibhayibhile (XHO96)

Isimemo sobulumko

1. Ubulumko buyakhile indlu yabo,bayenzela iintsika ezisixhenxe.

2. Ubulumko buxhelile, bayixuba newayini;kwaye netafile sebuyidekile.

3. Buthume izicakazana ukuba zime ezindulini,zazise apho edolophini, zithi:

4. “Yizani nonke, nina bangaqondiyo.”Kanti ke kwabaswele ukuqonda buthi:

5. “Ngenani nitye ukutya endikulungisileyo,nisele newayini endiyixubileyo.

6. Lahlani ubuyatha, khon' ukuze niphile;hambani ngendlela yeengqondi.

7. “Othethisa umgxeki uzibizela ukuthukwa;okhalimela isikhohlakali udibana nokunyeliswa.

8. Sukuziduba ngokululeka umgxeki kuba wosuka akucaphukele;kambe ke wakululeka isilumko sitsho sikuhloniphe.

9. Wakusifundisa isilumko sitsho silumke ngaphezulu.Ukuba uyalicebisa ilungisa litsho longeze ulutho kulwazi lwalo.

10. “Isiseko sobulumko kukuthobela *uNdikhoyo;umntu omaziyo oyiNgcwele kanye uzuza ingqiqo.

11. Mna bulumko ndoyenza ibe mininzi imihla yakho,ndiyongeze iminyaka yobomi bakho.

12. Xa usisilumko woncedwa bubulumko bakho;kanti xa ungumgxeki iya kuba nguwe kanye ohluphekayo.”

Isimemo sobudenge

13. Umfazi onguNobudenge usoloko engxola;yindlavinikazi engazi nto.

14. Uthanda ukuhlala emnyango endlwini yakheokanye kwiindawo eziphezulu edolophini,

15. ufike selemana ekhwaza abantu abadlula ngendlela,behamba bexakeke yimicimbi yabo,

16. esithi: “Yizani apha nonke, nina bangaqondiyo!”Kwabaswele ukuqonda uthi:

17. “Akamnandi ngako amanzi abiweyo!Kanti ke nokutya okutyiwa ekufihlekeni kokona kunencasa.”

18. Abamphulaphulayo abaqondi ukuba kukufa okubalindele apho;abazi ukuba abo bakhe bamtyelela xa kungokunje bakwelabafileyo.