31. Ngenene ndandichulumacha kulo elimiweyo;ndandiziva ndinemihlali phakathi koluntu.
32. “Ngoko ke, bonyana, ndiphulaphuleni,kuba banoyolo abo bahamba ngeendlela zam.
33. Yamkeleni ingqeqesho, ukuze nibe zizilumko;sanukuyityeshela, koko bambelelani kuyo.
34. Unenyhweba kambe umntu ondiphulaphulayo;nditsho lowo uhlala enkundleni yam yonke imihla,osoloko elindile emasangweni am phaya.
35. Ozuze mna ke ubufumene ubomi;uxhamla ukwaneliseka kukaNdikhoyo.
36. Kambe ke yena ondiphosileyo uzenzakalisile;kanti ke lowo undithiyileyo uthand' ukufa.”